40 Babiza, wazisa izagwityi,Wabahluthisa nangesonka sasezulwini.
41 Wavula iliwa, abaleka amanzi,Ahamba engumlambo emqwebedwini.
42 Ngokuba wakhumbula ilizwi lakhe elingcwele, Wakhumbula uAbraham umkhonzi wakhe.
43 Wabakhupha abantu bakhe benemihlali,Abanyulwa bakhe bememelela.
44 Wabanika amazwe eentlanga,Bayihlutha inzuzo yokwaphuka kwezizwe,
45 Ukuze bayigcine imimiselo yakhe,Bayibambe imiyalelo yakhe.Haleluya!