25 Watsho, wavusa umoya ovuthuzayo,Waphakamisa amaza ayo.
26 Banyuka basinga ezulwini, behla basinga emanzini enzonzobila;Umphefumlo wabo uthe amandla bububi.
27 Bathendeleka, bahexa njengenxila,Butshone bonke ubulumko babo.
28 Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo,Wabakhupha ekucuthekeni kwabo.
29 Ukumisile ukuvuthuza, kwathi cwaka,Amaza ayo azola;
30 Bavuya ke, kuba edambile;Wabafikisa echwebeni abalilangazelelayo.
31 Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!