29 Ukumisile ukuvuthuza, kwathi cwaka,Amaza ayo azola;
30 Bavuya ke, kuba edambile;Wabafikisa echwebeni abalilangazelelayo.
31 Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
32 Mabamphakamise ebandleni labantu,Bamdumise embuthweni yamadoda amakhulu.
33 Úyenze imilambo yaba yintlango,Namathende amanzi aba ngumhlaba onxaniweyo;
34 Ilizwe elineziqhamo laba leletyuwa,Ngenxa yezinto ezimbi zabemi balo.
35 Úyenze intlango yaba lidike elinamanzi,Ilizwe elingumqwebedu laba ngamathende amanzi.