5 Belambile, benxaniwe,Watyhafa phakathi kwabo umphefumlo wabo.
6 Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo,Wabahlangula ekucuthekeni kwabo;
7 Wabanyathelisa endleleni ethe tye,Ukuba baye kumzi wokuhlala.
8 Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
9 Kuba ewuhluthisile umphefumlo otshobayo,Wawuzalisa ngokulungileyo umphefumlo olambileyo.
10 Behleli emnyameni nasethunzini lokufa,Bekhonkxwe yimbandezelo nasisinyithi,
11 Ngokuba bephikise amazwi kaThixo,Belitshitshisa icebo lOsenyangweni: