7 Wabanyathelisa endleleni ethe tye,Ukuba baye kumzi wokuhlala.
8 Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
9 Kuba ewuhluthisile umphefumlo otshobayo,Wawuzalisa ngokulungileyo umphefumlo olambileyo.
10 Behleli emnyameni nasethunzini lokufa,Bekhonkxwe yimbandezelo nasisinyithi,
11 Ngokuba bephikise amazwi kaThixo,Belitshitshisa icebo lOsenyangweni:
12 Wayithoba intliziyo yabo ngokubasebenzisa kanzima;Bakhubeka, akwabakho mncedi.
13 Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo;Wabasindisa ekucuthekeni kwabo.