27 Bazi ukuba sisandla sakho eso,Ukuba kukwenza kwakho, Yehova.
28 Bayaqalekisa aba, ùyasikelela wena;Besukile bema, baya kudana; ùya kubuya yena umkhonzi wakho.
29 Abandichasayo baya kwambatha ihlazo,Bazithi wambu ukudana njengengubo yokwaleka.
30 Ndiya kubulela kakhulu kuYehova ngomlomo wam,Ndimdumise phakathi kwabaninzi;
31 Kuba emi ekunene kolihlwempu,Ukuba amsindise kwabawugwebayo umphefumlo wakhe.