1 Haleluya!Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yonke,Elucweyweni lwabathe tye nasebandleni.
2 Zikhulu izenzo zikaYehova,Zezokungxokwa iintsingiselo zazo zonke.
3 Únendili nobungangamela umsebenzi wakhe,Ubulungisa bakhe bumi ngonaphakade.
4 Uyenzele ukuze ikhunjulwe imisebenzi yakhe ebalulekileyo;Unobabalo nemfesane uYehova.
5 Ubaphé ukudla abamoyikayo;Uwukhumbule ngonaphakade umnqophiso wakhe.
6 Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe,Ebanika ilifa leentlanga.