6 Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe,Ebanika ilifa leentlanga.
7 Izenzo zezandla zakhe ziyinyaniso nesiko;Zithembekile zonke iziyalezo zakhe.
8 Zizimasekile nanini nangonaphakade;Zenziwe ngenyaniso, zithe tye.
9 Ùbathumele abantu bakhe inkululeko;Uwumisele ngonaphakade umnqophiso wakhe;Lingcwele, liyoyikeka, igama lakhe.
10 Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova,Banengqiqo elungileyo bonke abenza ngako;Indumiso yakhe ihlala imi.