1 Ekuphumeni kukaSirayeli eYiputa,Kwendlu kaYakobi ebantwini abantetho ingaziwayo,
2 UYuda waba yingcwele yakhe,USirayeli waba sisikumkani sakhe.
3 Ulwandle lwabona, lwasaba,IYordan yabuya umva.
4 Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha;Iinduli, njengamatakane omhlambi.
5 Ùbunani na, lulwandlendini, ukuba usabe?Wena Yordan, ukuba ubuye umva?
6 Nina zintaba, ukuba nidlobe njengeenkunzi zeegusha?Nina zinduli, njengamatakane omhlambi?