1 Ungazukisi thina, Yehova, ungazukisi thina;Zukisa igama lakho,Ngenxa yenceba yakho, ngenxa yenyaniso yakho.
2 Yini na ukuba zithi iintlanga,Uphi na kaloku uThixo wabo?
3 UThixo wethu ke usemazulwini,Konke akuthandileyo úyakwenza.
4 Izithixo zazo yisilivere negolide,Zizenzo zezandla zabantu.