6 Ngumgcini wabazizidenge uYehova;Ndandiswele, wandisindisa.
7 Buyela ekuphumleni kwakho, mphefumlo wam,Ngokuba uYehova ukuphatha kakuhle;
8 Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni,Iliso lam ezinyembezini,Unyawo lwam ekungqulekeni.
9 Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehovaEmazweni abaphilileyo.
10 Ndiyakholwa, xa ndithethayo;Mna ndicinezelekile kunene.
11 Ndathi mna ekuphakuzeleni kwam,Bonke abantu ngamaxoki.
12 Ndingámbuyisela ngantoni na uYehovaKonke ukundiphatha kwakhe kakuhle?