8 Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni,Iliso lam ezinyembezini,Unyawo lwam ekungqulekeni.
9 Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehovaEmazweni abaphilileyo.
10 Ndiyakholwa, xa ndithethayo;Mna ndicinezelekile kunene.
11 Ndathi mna ekuphakuzeleni kwam,Bonke abantu ngamaxoki.
12 Ndingámbuyisela ngantoni na uYehovaKonke ukundiphatha kwakhe kakuhle?
13 Ndophakamisa indebe yosindiso,Ndinqule igama likaYehova.
14 Ewe, ndozizalisa izibhambathiso zam kuYehova,Phambi kwabantu bakhe bonke kalokunje.