14 Iqhayiya lam nengoma yam nguYehova,Waba lusindiso kum.
15 Izwi lokumemelela nelosindiso lisezintenteni zamalungisa, lisithi,Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa;
16 Isandla sokunene sikaYehova siphakamile;Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa.
17 Andiyi kufa, ndiya kudla ubomi,Ndibalise ngezenzo zikaYehova.
18 UYehova undithethisé kakhulu,Ke akandinikela ekufeni.
19 Ndivuleleni amasango obulungisa;Ndiya kungena ngawo, ndiya kubulela kuYehova.
20 Nali isango likaYehova,Amalungisa angena ngalo.