17 Andiyi kufa, ndiya kudla ubomi,Ndibalise ngezenzo zikaYehova.
18 UYehova undithethisé kakhulu,Ke akandinikela ekufeni.
19 Ndivuleleni amasango obulungisa;Ndiya kungena ngawo, ndiya kubulela kuYehova.
20 Nali isango likaYehova,Amalungisa angena ngalo.
21 Ndiyabulela kuwe kuba undiphendule,Waba lusindiso kum.
22 Ilitye abalilahláyo abakhiLaba yintloko yembombo.
23 Kuvele kuYehova oku,Kungumsebenzi obalulekileyo emehlweni ethu.