21 Ndiyabulela kuwe kuba undiphendule,Waba lusindiso kum.
22 Ilitye abalilahláyo abakhiLaba yintloko yembombo.
23 Kuvele kuYehova oku,Kungumsebenzi obalulekileyo emehlweni ethu.
24 Le yimini ayenzileyo uYehova,Masigcobe sivuye ngayo.
25 Yehova, camagu, khawusindise,Yehova, camagu, khawuhlangule.
26 Makabongwe lo uzayo esegameni likaYehova,Siyanisikelela nina basendlwini kaYehova.
27 UYehova nguThixo, úsikhanyisela;Bophelelani umbingelelo womthendeleko ngeentambo,Kude kuye ezimpondweni zesibingelelo.