23 Kuvele kuYehova oku,Kungumsebenzi obalulekileyo emehlweni ethu.
24 Le yimini ayenzileyo uYehova,Masigcobe sivuye ngayo.
25 Yehova, camagu, khawusindise,Yehova, camagu, khawuhlangule.
26 Makabongwe lo uzayo esegameni likaYehova,Siyanisikelela nina basendlwini kaYehova.
27 UYehova nguThixo, úsikhanyisela;Bophelelani umbingelelo womthendeleko ngeentambo,Kude kuye ezimpondweni zesibingelelo.
28 ÙnguThixo wam, ndiya kubulela kuwe;ÙnguThixo wam, ndiya kukuphakamisa.
29 Bulelani kuYehova, ngokuba elungile,Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.