8 Kulungile ukuzímela ngoYehova,Ngaphezu kokukholosa ngomntu.
9 Kulungile ukuzímela ngoYehovaNgaphezu kokukholosa ngamanene.
10 Zingafanelana zonke iintlanga zindirhawule:Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
11 Zingafanelana zindirhawule zandirhawula:Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
12 Zingafanelana zindirhawule njengeenyosi:Zocinywa njengomlilo weentsasa;Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
13 Ùndityhale ngamandla wena ukuba ndiwe;Kodwa uYehova wandinceda.
14 Iqhayiya lam nengoma yam nguYehova,Waba lusindiso kum.