50 Yiyo le intuthuzelo yam ekucinezelekeni kwam,Yokuba intetho yakho indiphilisile.
51 Abakhukhumali bada bandigxeka kakhulu;Kanti àndithi gu bucala emyalelweni wakho.
52 Ndawakhumbula amasiko akho kususela kwanaphakade, Yehova,Ndathuthuzeleka.
53 Ndingenwé ngumsindo oshushu,Ndisenziwa ngabangendawo abalahla umyalelo wakho.
54 Iziingoma kum imimiselo yakho,Endlwini yokuphambukela kwam.
55 Ndilikhumbúle ebusuku igama lakho, Yehova,Ndawugcina umyalelo wakho.
56 Ndinikwe oku,Ukuba ndibambe iziyalezo zakho.