53 Ndingenwé ngumsindo oshushu,Ndisenziwa ngabangendawo abalahla umyalelo wakho.
54 Iziingoma kum imimiselo yakho,Endlwini yokuphambukela kwam.
55 Ndilikhumbúle ebusuku igama lakho, Yehova,Ndawugcina umyalelo wakho.
56 Ndinikwe oku,Ukuba ndibambe iziyalezo zakho.
57 Isabelo sam, Yehova, ndithi,Sesokuba ndigcine amazwi akho.
58 Ndiya kubongoza ngentliziyo yonke,Ndíbabale ngokwentetho yakho.
59 Ndazicingela iindlela zam,Ndazibuyisela iinyawo zam ezingqinisweni zakho.