1 Sindisa, Yehova, ngokuba úphelile owenceba,Ngokuba bathe shwaka abanyanisileyo koonyana babantu.
2 Bathetha inkohlakalo omnye nomnye;Bathetha ngomlomo ogudileyo, nangentliziyo embaxa.
3 Ngamana uYehova angáyinqumla yonke imilebe yomlomo ogudileyo,Ulwimi oluthetha izinto ezinkulu;
4 Ábathe, Ulwimi lwethu siyalupheza;Imilomo yethu yeyethu; ngubani na oyinkosi kuthi?