2 Iinyawo zethu zifike zemaEmasangweni akho, Yerusalem;
3 Yerusalem, wena wakhiweyoNgokomzi ohlangeneyo wamnye;
4 Apho zinyuka ziye khona izizwe,Izizwe zikaYehova;Ibubungqina ke loo nto kwaSirayeli,Ukuba kubúlelwe kwigama likaYehova.
5 Kuba khona apho kumiswe iitrone zokugweba,Iitrone zendlu kaDavide.
6 Celelani iYerusalem uxolo;Mababe nokuchulumacha abakuthandayo,
7 Malube luxolo eludongeni lwakho olurhaqileyo,Nokuchulumacha ezingxandeni zakho ezinde.
8 Ngenxa yabazalwana bam nowethu,Makhe ndithethe uxolo ngawe.