1 Dumisani igama likaYehova;Dumisani, nina bakhonzi bakaYehova,
2 Nimiyo endlwini kaYehova,Ezintendelezweni zendlu yoThixo wethu.
3 Dumisani uYehova, ngokuba elungile uYehova;Libetheleni uhadi igama lakhe, ngokuba kumnandi.
4 Ngokuba uYehova unyule uYakobi ukuba abe ngowakhe,Wanyula uSirayeli ukuba abe yinqobo kuye.
5 Ngokuba ndiyazi mna ukuba mkhulu uYehova,INkosi yethu ingaphezu koothixo bonke.