13 Yehova, igama lakho lingunaphakade,Inkumbuzo yakho, Yehova, ikwizizukulwana ngezizukulwana.
14 Ngokuba uYehova uya kugweba phakathi kwabantu bakhe,Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe.
15 Izithixo zeentlanga yisilivere negolide,Umsebenzi wezandla zabantu.
16 Zinomlomo nje, azithethi;Zinamehlo nje, aziboni;
17 Zineendlebe nje, aziva;Akukho nento engumoya emlonyeni wazo.
18 Baya kuba njengazo abenzi bazo,Bonke abasukuba bekholose ngazo.
19 Nina ndlu kaSirayeli, bongani uYehova;Nani ndlu ka-Aron, bongani uYehova.