6 Konke akuthandileyo uYehova uya kwenza,Ezulwini nasemhlabeni,Ezilwandle nasemanzini onke enzonzobila.
7 Ulonyusa amafu eziphelweni zehlabathi,Imvula wayenzela imibane;Ulorhola umoya koovimba bakhe.
8 Owawabulalayo amazibulo aseYiputa,Ethabathele ebantwini wesa ezinkomeni;
9 Wathumela imiqondiso nezimangaPhakathi kwakho, Yiputa,KuFaro nakubakhonzi bakhe bonke;
10 Owabulala iintlanga ezinkulu,Wabulala ookumkani abanamandla;
11 OoSihon, ukumkani wama-Amori,No-Ogi, ukumkani waseBhashan,Nezikumkani zonke zakwaKanan;
12 Walinikela ilizwe labo lalilifa,Lalilifa kumaSirayeli, abantu bakhe,