8 Owawabulalayo amazibulo aseYiputa,Ethabathele ebantwini wesa ezinkomeni;
9 Wathumela imiqondiso nezimangaPhakathi kwakho, Yiputa,KuFaro nakubakhonzi bakhe bonke;
10 Owabulala iintlanga ezinkulu,Wabulala ookumkani abanamandla;
11 OoSihon, ukumkani wama-Amori,No-Ogi, ukumkani waseBhashan,Nezikumkani zonke zakwaKanan;
12 Walinikela ilizwe labo lalilifa,Lalilifa kumaSirayeli, abantu bakhe,
13 Yehova, igama lakho lingunaphakade,Inkumbuzo yakho, Yehova, ikwizizukulwana ngezizukulwana.
14 Ngokuba uYehova uya kugweba phakathi kwabantu bakhe,Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe.