9 Wathumela imiqondiso nezimangaPhakathi kwakho, Yiputa,KuFaro nakubakhonzi bakhe bonke;
10 Owabulala iintlanga ezinkulu,Wabulala ookumkani abanamandla;
11 OoSihon, ukumkani wama-Amori,No-Ogi, ukumkani waseBhashan,Nezikumkani zonke zakwaKanan;
12 Walinikela ilizwe labo lalilifa,Lalilifa kumaSirayeli, abantu bakhe,
13 Yehova, igama lakho lingunaphakade,Inkumbuzo yakho, Yehova, ikwizizukulwana ngezizukulwana.
14 Ngokuba uYehova uya kugweba phakathi kwabantu bakhe,Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe.
15 Izithixo zeentlanga yisilivere negolide,Umsebenzi wezandla zabantu.