2 Ndiya kuqubuda ndibhekise etempileni yakho engcwele,Ndibulele kwigama lakho, ngenxa yenceba yakho, nangenxa yenyaniso yakho;Kuba ulikhulisile ilizwi lakho ngaphezu kwegama lakho lonke.
3 Ngomhla wokubiza kwam wandiphendula,Wandikhaliphisa, yangamandla emphefumlweni wam.
4 Baya kubulela kuwe, Yehova, bonke ookumkani behlabathi,Bakuweva amazwi omlomo wakho;
5 Bavume ngeendlela zikaYehova,Ukuba lukhulu uzuko lukaYehova:
6 Ngokuba noko uYehova aphakamileyo, úyambona othobekileyo;Ke yena oziphakamisayo úmazi nakude.
7 Ukuba ndithe ndahamba-hamba phakathi kweembandezelo, ùyandiphilisa;Wòsolulela emsindweni weentshaba zam isandla sakho,Sindisindise isandla sakho sokunene.
8 UYehova uya kundifezela.Yehova, inceba yakho ingunaphakade,Izenzo zezandla zakho musa ukuziyekela.