13 Ngokuba wena wazibumba izintso zam,Wandibiyela esizalweni sikama.
14 Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo;Zibalulekile izenzo zakho,Umphefumlo wam úyazi kakuhle.
15 Ayengàgushekile kuwe amathambo am,Mna ndenzelwáyo entsithelweni,Ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba.
16 Amehlo akho andibona ndiseyimbumba,Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela;Ziyiliwe ngenxa engaphambili,Kungekabikho ke nanye kuzo.
17 Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango zakho, Thixo!Àsinganganí isimbuku sazo!
18 Zingáthi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi;Ndakuvuka ndoba ndisenawe.
19 Ngamana wambulala ongendawo, Thixo!Nina madoda amagazi, sukani kum.