15 Ayengàgushekile kuwe amathambo am,Mna ndenzelwáyo entsithelweni,Ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba.
16 Amehlo akho andibona ndiseyimbumba,Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela;Ziyiliwe ngenxa engaphambili,Kungekabikho ke nanye kuzo.
17 Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango zakho, Thixo!Àsinganganí isimbuku sazo!
18 Zingáthi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi;Ndakuvuka ndoba ndisenawe.
19 Ngamana wambulala ongendawo, Thixo!Nina madoda amagazi, sukani kum.
20 Abo bakukhankanyela amayelenqe,Balibizela inkohlakalo igama lakho abazondi bakho.
21 Andinakubathiya na abakuthiyayo, Yehova,Ndikruquke ngabasukela phezulu kuwe?