16 Amehlo akho andibona ndiseyimbumba,Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela;Ziyiliwe ngenxa engaphambili,Kungekabikho ke nanye kuzo.
17 Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango zakho, Thixo!Àsinganganí isimbuku sazo!
18 Zingáthi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi;Ndakuvuka ndoba ndisenawe.
19 Ngamana wambulala ongendawo, Thixo!Nina madoda amagazi, sukani kum.
20 Abo bakukhankanyela amayelenqe,Balibizela inkohlakalo igama lakho abazondi bakho.
21 Andinakubathiya na abakuthiyayo, Yehova,Ndikruquke ngabasukela phezulu kuwe?
22 Ndibathiya ngentiyo ephelelisileyo,Kum mna baziintshaba.