17 Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango zakho, Thixo!Àsinganganí isimbuku sazo!
18 Zingáthi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi;Ndakuvuka ndoba ndisenawe.
19 Ngamana wambulala ongendawo, Thixo!Nina madoda amagazi, sukani kum.
20 Abo bakukhankanyela amayelenqe,Balibizela inkohlakalo igama lakho abazondi bakho.
21 Andinakubathiya na abakuthiyayo, Yehova,Ndikruquke ngabasukela phezulu kuwe?
22 Ndibathiya ngentiyo ephelelisileyo,Kum mna baziintshaba.
23 Ndígocagoce, Thixo, uyàzi intliziyo yam;Ndícikide, uzàzi iingcinga-ngcinga zam;