2 Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam;Uyaziqonda izicamango zam nakude.
3 Ukuhamba kwam nokulala kwam, ùyakwela;Uqhelene neendlela zam zonke.
4 Ngokuba akukho lizwi elulwimini lwamOngalaziyo ke, Yehova, kanye.
5 Ngasemva nangaphambili undingqingile,Wasibeka phezu kwam isandla sakho.
6 Kubalulekile kum oko kwazi,Kuphezulu, kundinqabele.
7 Ndingahambela phi na ukumka emoyeni wakho?Ndingabalekela phi na ukumka ebusweni bakho?
8 Ukuba ndithe ndenyuka ndaya emazulwini, ùlapho wena;Ukuba ndithe ndazandlalela kwelabafileyo, nanko ukho.