7 Ndingahambela phi na ukumka emoyeni wakho?Ndingabalekela phi na ukumka ebusweni bakho?
8 Ukuba ndithe ndenyuka ndaya emazulwini, ùlapho wena;Ukuba ndithe ndazandlalela kwelabafileyo, nanko ukho.
9 Ukuba ndithe ndaphakamisa amaphiko esifingo,Ndaya ndahlala ekupheleni kolwandle,
10 Besingandikhaphayo kwanalapho isandla sakho,Sindibambe isandla sakho sokunene.
11 Ukuba ndithe, Mabundisongele ubumnyama bona bodwa,Nokukhanya kube bubusuku ngeenxa zonke kum:
12 Kwanobumnyama obo abungebi bubumnyama kuwe;Ubusuku bungába mhlophe njengemini,Ubumnyama bungába njengokukhanya
13 Ngokuba wena wazibumba izintso zam,Wandibiyela esizalweni sikama.