2 UYehova esemazulwini uqondele koonyana babantu,Ukubona ukuba ukho na oqiqayo,Oquqela kuThixo.
3 Bonke batyekile, bayimbozisa bephelele;Akukho wenza okulungileyo,Akukho nokuba abe mnye.
4 Àbanakwazi na bonke abasebenzi bobutshinga,Àbathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka,Bangamnquli uYehova?
5 Apho bankwantya benkwantyile;Ngokuba uThixo usesizukulwaneni samalungisa.
6 Icebo losizana ningálidanisa,Kodwa uYehova ulihlathi lalo.
7 Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli!Ekubabuyiseni kukaYehova abantu bakhe ekuthinjweni,Wogcoba uYakobi, avuye uSirayeli.