3 Balola ulwimi lwabo njengenyoka;Ubuhlungu berhamba busemlonyeni wabo. (Phakamisani.)
4 Ndígcine, Yehova, ezandleni zongendawo,Ndílondoloze emntwini ogonyamelayo,Abacinga ukuzikhubekisa iinyawo zam.
5 Abanekratshi bandiqhushekéle isibatha nezintya,Baneké umnatha ecaleni kwendlela,Bandithiyéle ngemigibe. (Phakamisani.)
6 Ndithi kuYehova, ÙnguThixo wam;Beka indlebe, Yehova, elizwini lesikhungo sam.
7 Yehova, Nkosi yam, nqaba endisindisayo,Ùyigqubuthèle intloko yam ngemini yeduli.
8 Musa ukumnika, Yehova, ongendawo iminqweno yakhe;Musa ukuwuphumelelisa umnkqangiyelo wakhe,Hleze aziphakamise. (Phakamisani.)
9 Yona intloko yabandingqingayo,Ububi bomlomo wabo mabubagubungele.