1 Makabongwe uYehova, uliwa lam,Ulofundisa izandla zam ukulwa,Iminwe yam imfazwe.
2 Unceba yam, umboniselo yam,Ungxonde yam, umsindisi wam, mna lo;Ungweletshetshe yam, undizímela ngaye;Ulonyathelela abantu bam phantsi kwam.
3 Yehova, úyintoni na umntu, le nto umaziyo?Unyana womfo, le nto umnyamekelayo?
4 Umntu lo ufana nomphunga,Imihla yakhe injengethunzi elidlulayo.