12 Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe,Ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe.
13 Ubukumkani bakho bubukumkani bamaphakade onke,Nolawulo lwakho lukwizizukulwana ngezizukulwana.
14 UYehova ungumxhasi wabo bonke abawayo,Ngumphakamisi wabo bonke abagobileyo.
15 Amehlo eento zonke akhangele kuwe,Wena ke uzinika ukudla kwazo ngexesha elililo;
16 Ùyasivula isandla sakho,Uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.
17 Úlilungisa uYehova ngeendlela zakhe zonke,Unenceba ngezenzo zakhe zonke.
18 Usondele uYehova kubo bonke abamnqulayo,Kubo bonke abamnqulayo ngenyaniso.