6 Bothetha ngamandla ezenzo zakho ezoyikekayo,Ndibalìse ngobukhulu bakho.
7 Bompompoza isikhumbuzo sokulunga kwakho okukhulu,Bamemelele ngobulungisa bakho.
8 Únobabalo nemfesane uYehova,Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.
9 Ulungile uYehova kubo bonke,Imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe.
10 Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho,Bakubonge abákho benceba;
11 Uzuko lobukumkani bakho balutsho,Bathethe ngobugorha bakho.
12 Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe,Ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe.