9 Ulungile uYehova kubo bonke,Imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe.
10 Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho,Bakubonge abákho benceba;
11 Uzuko lobukumkani bakho balutsho,Bathethe ngobugorha bakho.
12 Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe,Ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe.
13 Ubukumkani bakho bubukumkani bamaphakade onke,Nolawulo lwakho lukwizizukulwana ngezizukulwana.
14 UYehova ungumxhasi wabo bonke abawayo,Ngumphakamisi wabo bonke abagobileyo.
15 Amehlo eento zonke akhangele kuwe,Wena ke uzinika ukudla kwazo ngexesha elililo;