1 Haleluya!Mdumise uYehova, mphefumlo wam.
2 Ndiya kumdumisa uYehova lo gama ndidla ubomi;Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingosekhoyo.
3 Musani ukukholosa ngamanene,Ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso.
4 Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe;Ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.
5 Hayi, uyolo lwalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi,Lwalowo ulinde kuYehova uThixo wakhe:
6 KuMenzi wezulu nomhlaba,Nolwandle neento zonke ezikulo;Kulogcina inyaniso ngonaphakade;