7 Dumisani uYehova ehlabathini,Nina bominenga, nani nonke, manzi enzonzobila:
8 Wena mlilo, nawe sichotho; wena khephu, nawe msi;Moya uvuthuzayo, ulenzayo ilizwi lakhe;
9 Nina zintaba, nani zinduli nonke,Nina mithi eneziqhamo, nani misedare* nonke;
10 Nina marhamncwa, nani zinkomo nonke,Nina zinambuzane, nani zintaka zinamaphiko;
11 Ookumkani behlabathi, nezizwe zonke,Abathetheli nabagwebi behlabathi lonke;
12 Umlisela kwanomthinjana,Amadoda amakhulu kunye nabafana:
13 Mabalidumise igama likaYehova,Ngokuba liyingxonde igama lakhe yena yedwa;Indili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu.