1 Haleluya!Mvumeleni uYehova ingoma entsha,Indumiso yakhe ebandleni labenceba.
2 USirayeli makavuye ngoMenzi wakhe;Usapho lwaseZiyon malugcobe ngoKumkani walo.
3 Mabalidumise igama lakhe beqamba,Bembethela ingqongqo nohadi.
4 Ngokuba uYehova uyakholiswa ngabantu bakhe,Uyabahombisa abalulamileyo ngoloyiso.