4 Ngokuba uYehova uyakholiswa ngabantu bakhe,Uyabahombisa abalulamileyo ngoloyiso.
5 Mabadlamke benozuko abenceba,Mabamemelele besezililini zabo.
6 Yimibongo kaThixo emqaleni wabo,Likrele elintlangothi mbini esandleni sabo;
7 Ukuze benze impindezelo ezintlangeni,Izohlwayo ezizweni;
8 Bakhonkxe ookumkani bazo ngemixokelelwane,Nabazukileyo kuzo ngamakhamandela esinyithi;
9 Benze kubo isiko elibhaliweyo.Luzuko olo lwabakhe benceba bonke.Haleluya!