26 Kozenze nyulu uzenza onyulu,Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo.
27 Ngokuba wena uyabasindisa abantu ababandezelekileyo,Uwathobe amehlo aqwayingileyo.
28 Ngokuba ùyasilumeka isibane sam wena;UYehova uThixo wam uyabukhanyisela ubumnyama bam.
29 Ngokuba ngawe ndigila amajarha,NgoThixo wam ndiqabela ezindongeni.
30 UThixo yena, igqibelele indlela yakhe;Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe,Úyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye.
31 Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova?Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu?
32 UloThixo undibhinqise ubukroti,Uyigqibelelisileyo indlela yam;