4 Intambo yawo yokulinganisa iphume yaya ehlabathini lonke,Kwaba seziphelweni zelimiweyo ukukhuluma kwawo.Ilanga úlimisele intente kuwo,
5 Lona linjengomyeni ke ephuma egumbini lakhe;Linemihlali njengegorha, ukugidima ngomendo walo.
6 Kusesiphelweni sezulu ukuphuma kwalo,Ukujikeleza kwalo kusa eziphelweni zalo;Akukho nto inokusithela ebushushwini balo.
7 Umyalelo kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo;Isingqino sikaYehova sinyanisekile, sinika isiyatha ubulumko.
8 Izimiselo zikaYehova zithe tye, zivuyisa intliziyo;Umthetho kaYehova unyulu, ukhanyisela amehlo.
9 Ukoyika uYehova kucocekile, kumi ngonaphakade;Izigwebo zikaYehova ziyinyaniso, zibubulungisa kwaphela.
10 Zinokunqweneleka kunegolide zona, nakunengcwengiweyo eninzi;Zimnandi kunobusi, kunencindi yobusi.