11 Ngenxa yegama lakho, Yehova, xolela ubugwenxa bam,Ngokuba bukhulu bona.
12 Ngubani na ke umntu omoyikayo uYehova?Wómyalela indlela aya kuyinyula.
13 Umphefumlo wakhe wohlala wonwabile,Imbewu yakhe ilidle ilifa ilizwe.
14 Ukucweya kukaYehova kunabamoyikayo;Ubazísa umnqophiso wakhe.
15 Amehlo am ahlala emi kuYehova,Ngokuba nguye ozirholayo eluthánjeni iinyawo zam.
16 Ndíbheke, undibabale,Ngokuba ndindodwa, ndibandezelekile.
17 Iimbandezelo zentliziyo yam ziphangalalisiwe;Ndíkhuphe ekucuthekeni kwam.