12 Ngubani na ke umntu omoyikayo uYehova?Wómyalela indlela aya kuyinyula.
13 Umphefumlo wakhe wohlala wonwabile,Imbewu yakhe ilidle ilifa ilizwe.
14 Ukucweya kukaYehova kunabamoyikayo;Ubazísa umnqophiso wakhe.
15 Amehlo am ahlala emi kuYehova,Ngokuba nguye ozirholayo eluthánjeni iinyawo zam.
16 Ndíbheke, undibabale,Ngokuba ndindodwa, ndibandezelekile.
17 Iimbandezelo zentliziyo yam ziphangalalisiwe;Ndíkhuphe ekucuthekeni kwam.
18 Khangela ukucinezeleka kwam nokwaphuka kwam,Uxolele zonke izono zam.