8 Úlungile, uthe tye uYehova;Ngenxa yoko úyabayalela indlela aboni.
9 Úyabanyathelisa abalulamileyo emasikweni akhe,Abafundise abalulamileyo indlela yakhe.
10 Zonke iindlela zikaYehova ziyinceba nenyaniso,Kwabagcina umnqophiso wakhe nezingqino zakhe.
11 Ngenxa yegama lakho, Yehova, xolela ubugwenxa bam,Ngokuba bukhulu bona.
12 Ngubani na ke umntu omoyikayo uYehova?Wómyalela indlela aya kuyinyula.
13 Umphefumlo wakhe wohlala wonwabile,Imbewu yakhe ilidle ilifa ilizwe.
14 Ukucweya kukaYehova kunabamoyikayo;Ubazísa umnqophiso wakhe.