10 Ngokuba buphelile sisingqala ubomi bam,Neminyaka yam kukuncwina;Ayagexa amandla am ngobugwenxa bam,Namathambo am aluphele.
11 Ngenxa yababandezeli bam bonke ndaba sisingcikivo,Ngokukodwa kubamelwane bam; ndaba yinto yokunkwantyisa kwabandaziyo;Abandibonayo ngaphandle baya ndibaleka.
12 Ndilityelwe njengomfi ongasakhunjulwayo;Ndinjengesitya esiza kulahlwa.
13 Ngokuba ndive intlebendwane yabaninzi,Ukunxunguphala ngeenxa zonke.Ekugquguleni kwabo ngam,Bankqangiyela ukuthabatha umphefumlo wam.
14 Ke mna ndikholosé ngawe, Yehova; Ndithi, ÙnguThixo wam wena.
15 Asesandleni sakho amaxesha am;Ndíhlangule esandleni seentshaba zam nakwabandisukelayo.
16 Khanyisa ubuso bakho phezu komkhonzi wakho;Ndísindise ngenceba yakho.