7 Ndiya kugcoba ndivuye ngenceba yakho,Ngenxa enokuba uzibonile iintsizi zam,Wazazi iingxingongo zomphefumlo wam;
8 Akwandivingcela ngesandla seentshaba,Wazimisa endaweni ebanzi iinyawo zam.
9 Ndíbabale, Yehova, ngokuba ndibandezelekile;Lonakele kukukhathazeka iliso lam, nomphefumlo wam, nesisu sam;
10 Ngokuba buphelile sisingqala ubomi bam,Neminyaka yam kukuncwina;Ayagexa amandla am ngobugwenxa bam,Namathambo am aluphele.
11 Ngenxa yababandezeli bam bonke ndaba sisingcikivo,Ngokukodwa kubamelwane bam; ndaba yinto yokunkwantyisa kwabandaziyo;Abandibonayo ngaphandle baya ndibaleka.
12 Ndilityelwe njengomfi ongasakhunjulwayo;Ndinjengesitya esiza kulahlwa.
13 Ngokuba ndive intlebendwane yabaninzi,Ukunxunguphala ngeenxa zonke.Ekugquguleni kwabo ngam,Bankqangiyela ukuthabatha umphefumlo wam.